UTumi neminqweno emithathu
Home | Written stories | Multilingual stories | UTumi neminqweno emithathu

Written stories

UTumi neminqweno emithathu

Author

Ibhalwe nguMabel Mnensa

Illustrator

Imizobo nguJulie Smith-Belton

UTata uvalelisa kuTumi. “Uze uziphathe kakuhle namhlanje. Uze ungayi egumbini lam. Uze ungathethi noPhathu iSikhwenene.”

 UTumi akamphulaphuli uTata. “Molo,” utsho uTumi. UPhathu iSikhwenene akatsho nelinye ilizwi. Yintoni le isendlwini

kaPhathu? Impempe enothuli! UTumi uyayosula icoceke aze ayivuthele. “Molo, sikhulu sam,” utsho uPhathu iSikhwenene,

“Iminqweno yakho emithathu ndiza kuyizalisekisa.” Isisu sikaTumi sibuhlungu. Utye iiswiti ezininzi kakhulu. “Tumi!

Andikwazi kungena, ucango aluvuleki.” UTata ubuyile. “Tumi, uthethile noPhathu iSikhwenene?” UTumi uyoyika. NAKO!

NAKO!

“Ndinqwenela ukuba … zonke ezi switi zingabikho.” “Ndinqwenela ukuba … bendinganazo zonke iiswiti emhlabeni.”

 “Ndinqwenela … UTata ukroba ngefestile. Eyona nto ayibonayo lulwandle kuphela. “Wenze ntoni?” UPhathu iSikhwenene

uyahleka. “UTumi ubenqwenela ukuba ube nezigidi zeeRandi ukuze ube nepomakazi lendlu aze naye abe negumbi lokulala

elilelakhe.” ”Qha khange atsho ukuba phi!” UTata akonwabanga. “Awuphulaphuli. Uyageza ufana nje nalo. Esi sikhwenene

sisoloko sineqhinga.” NAKO! Elele ebhedini yakhe ngoba busuku, uTumi uyacinga, “Umnqweno wam wokugqibela kufanele

ibengowona ulungileyo.”

 

Okokuzonwabisa kwakwaNal’ibali

Izimvo eninokuthetha ngazo

Yeyiphi iminqweno emithathu obungabe uyenzile? Sesiphi isifundo ocinga ukuba usifundile uTumi emva komnqweno wakhe wesithathu? Yintoni iminqweno? Uyidala okanye uyenze njani iminqweno? Yintoni okanye ngubani onika iminqweno?

Umfanekiso

Zoba umfanekiso weminqweno emithathu ongayicela kuPhathu.

Ukufunda

Jonga ngononophelo amagama nemifanekiso ekwiphepha lokugqibela.  Ubuyintoni umnqweno wesithathu kaTumi?  Sebenzisa umfanekiso ukufumanisa iinkcukacha zento agqibe ekubeni ayinike uTumi uPhathu.  Ucinga ukuba inoba uzive njani uTumi ukujonga kwakhe efestileni?  Ucinga ukuba yintoni elandelayo ayenzileyo?

Ukubhala

Zoba umfanekiso kaTumi noPhathu nengcinga ekwiqamza lentetho kuye ngamnye. Kwiqamza lengcinga likaTumi bhala phantsi umnqweno wakhe wesithathu, uqala ngala magama: Ndinqwenela … Kwiqamza lengcinga likaPhathu, bhala phantsi into ayinike uTumi, uqala ngala magama: Ndicinga ukuba uTumi ndiza kumnika … 

Ubuchule

Sebenzisa iroli yephepha lendlu yangasese lekhadibhodi okanye yetawuli yephepha kunye nepeyinti, iikhoki, iglu, iintsiba, ithishu emibalabala okanye iphepha lekriphu ukuzenzela esakho isikhwenene sasezingcingeni. Thiya igama isikhwenene sakho.

Ukwenza

Libalise kwakhona ibali wena ungumlinganiswa oyintloko. Tshintsha kananjalo, iminqweno kaTumi ngeyakho iminqweno emithathu.