Izivubeko Zobom
Home | Create your own story | Izivubeko Zobom

Written stories

Izivubeko Zobom

Season 1 . (Intshayelelo) (Isishwankathelo Sika Season 1) . UKUPHILA OKUNETHEMBA . . Eli bali lingentwazana eselula kakhulu egama linguZuziwe,uZuziwe ngumntwana obuvileyo ubuhlungu nobunzima bomhlaba eneminyaka elishumi enesixhenxe kuphela....Ubehlala noMakhulu wakhe engazange wambona uMama wakhe ngamehlo wenyama esazi uMakhulu wakhe kuphela ubenomntwana wakowabo oneniminyaka eMihlanu kuphela kowabo bebehlala kwityotyombana nje elinamagumbi amabini kuphela bephila ngeNkam_nkam esuka kuMakhulu wakhe wayengayithandi kwaphela lento uZuziwe waqonda ukuba makazame umsebenzi nokuba akaphelelanga apho wathatha isigqibo sokuba uZococa izindlu zabantu khon'ukuze ongeze kwelogcuntswana lalifunyanwa nguMakhulu wakhe,Ukuncedisana Nomakhulu angabhatali indleko ezinintsi aphinde azincede xa kufunwa imali esikolweni noxa uMakhulu wakhe wayengayithandi yonke lento kodwa uZuziwe wazithethelela ngokuthi yonke lento uyayonwabela zange ame ngaphambi kwakhe ke uMakhulu wakhe. . . Kuthe kunjalo ngenye imini uZuziwe enexhala lokuba uzoyifumana phi imali efunwa esikolweni ilusuku lokugqibela ngengomso wayengxidilili zinyembezi uZuziwe ephelelwe lithemba kodwa uMakhulu wakhe wamthembisa ngokuba uzoyiboleka makangazikhathazi klk wayengayithandi kwaphela ukubona intombi yakhe ekrele_krele ixheleke ngaphakathi. Kuthe kusenjalo benelothemba kwagaleleka umntwana ehamba ngezantya esithi uthunywe ngutata ofuna ucocelwa indlu wanyusa imibhinqo yakhe uZuziwe yimincili kuba esithi zimpendulo zika PhezuKonke kanti kukunquma kwenqatha kuba uthe esacoca londlu lotata wamnyanzela ukuba alale naye wathi xa ezama ukubaleka wafika umnyango utshixiwe wazama ukukhala kodwa zange kuncede kwanto wadlwengulwa uZuziwe zange abenalo nexesha lemali wagoduka ebindeke ngamandla kodwa waqonda ukuba makayifihle kuMakhulu wakhe kuba impilo yakhe ibingentle kwaphela . Kuthe kusenjalo kwafika uMama ka Zuziwe apho engatyhilekanga wathi makuchithwe elotyotyombana baphume baphele apho....Wabangacela uxolo uMakhulu kaZuziwe ngento angayaziyo ukuba bekutheni kodwa zange afune nokuva ebagxotha okomshologu wathi uMakhulu ezama ukumkhumbuza ukuba efundile nje uMama ka Zuziwe kungenxa yakheb kodwa wayibhebhetha yonke lonto ethuka abantwana bakhe ebabiza ngentlobo_ntlobo zezithuko ezithi zakutshiwo kuhlasimle umzimba igama lika Zuziwe inguVuyelwa kodwa izinto awayezenza zazihambela kude kunegama lakhe kucaca ukuba lendlezana iyinkondekazi yayimthiya "Vuyelwa" Kuba yayicinga ukuba uphethe okuhle kodwa KODWA konke oko kwajika kwaZIZIVUBEKO ZOBOM ezafika zabhudla zaxela uMoya wasebusika zikhukhulisa kwanto bashiyeka oZuziwe noMakhulu wabo bepheca izandla bengenayo indawo yokufihla intloko kodwa lendlezana yacebisa ukuba basondele ehlathini khon'ukuze bakwazi ukugquma nje oku kwentloko nokugodola klk babengafunwa nakulolali kusithiwa bayathakatha ndingazi ukuba konke oko kwakuvela phi.....bangena ehlathini kungekuhlanga kwaphela kulapho wabulawa uMakhulu wakhe bejongile phofu egetyengwa zizigantsontso zamadoda kuba ayefuna ukudlwengula uZuziwe kwanqanda uMakhulu wakhe bathi besakhala kanjalo bezama ukucela uNcedo kulapho kwavela inyinginya yabantu phofu beze ngodlame bona kuqala bababiza ngamagama oyikekayo betyhola ngobulala uMakhulu wakho ugqiba bazililise kuthe kusenjalo enye indlezana eyatyiwa yinimba yabahlangula yabafihla yatsalela uMama wabo umnxeba ezama ukubaxelela konke oku kanti ibanjwe ngumyeni kaVuyelwa ogama linguNceba kucaca ukuba ebengayazi nokuba uVuyelwa unekhaya kuba waxoka wathi akasenabazali basweleka. Kwafika imoto izobathatha phofu kungekuhlanga kwaphela uVuyelwa wayebabiza ngamagama ebathuka kucaca ukuba akayonwabeli kwaphela yonke lonto kodwa bahamba belisingela elo laseNgqeleni basinga eNgcobo bafika apho kumntwana ka Nceba abafumana mpatho intle kwaphela apho kucaca ukuba abamkelekanga kwaphela kodwa uNceba wayezama ngandlela zonke ukubakhusela....uVuyelwa wayede athi xa ethuka uZuziwe athi nguye lo uvale isibeleko sakhe kuba wayengafumani bantwana engabafuni kwaphela wade wabanyanzela ukuba bathi Makazi phofu umyeni wakhe eqhubeka nokumfihlela ukuba unabantwana wayengapholanga uVuyelwa kuba wazama izihlandlo eziliqela ukubabulala kodwa zange kuphumelele konke oko kuba uThixo yayingafuni kwaphela ngabantwana bakhe. UVuyelwa wathi xa ehambe ezamayeza eNgqeleni ehamba nomhlobo wakhe osenyongweni phofu ogama linguGugu wadibana notata wabantwana ogama linguKhanyile futhi ekucacayo ukuba kufumile yayicaciswa kwangemoto awayehamba ngayo kodwa kucaca ukuba lomfo akafuni kwanto ibadibanisayo noVuyelwa. UVuyelwa wathengisa iphepha lokuba uZuziwe uthengisa ngemizimba kuNceba kodwa uNceba wayengafuni nokuyiva lonto kuba wayekrele_krele uZuziwe nasezifundweni zakhe kodwa uZuziwe wathi akukhulelwa phofu kukhula isisu sokudlwengulwa waphelelwa lithemba uNceba waziva ethezeke emandleni klk uZuziwe zange ayibike yonke lonto waphuma uNceba engathethanga kuyaphi kulapho uVuyelwa wabagxotha ngobusuku ebajulela impahla zakhe ebagxotha oku komshologu phofu ebabekele izigebenga ezi zobabulala ngaphambile kwafunyanwa imizimba ngengomso ingenantloko kwavakala ukuba baswelekile uZuziwe no Abulele uNceba wathi akuyiva lento yayimkhathaza ngamandla kuba wayebathanda ngeyona ndlela ebathatha nje ngabantwana bakhe kanti bancedwe nguGugu wayobafihla kutata wabo eMthatha otshate nosisi onguSiziwe onobubele ngeyona ndlela. UVuyelwa wayeyonwabele yonke lento kuba yayiliphupha lakhe lemihla ngemihla eli.....UGugu zange ayithi "Vuuu" yonke lento kuNceba kuba wayecinga uyobe ubeka ubomi babantwana esichengeni....Bathi xa bebuya esingcwabeni sabantwana uVuyelwa noNceba bafika uSamela engabonakali ndawo kodwa eshiye iphepha eli chazayo ukuba uhambile...Kulapho uSamela wava ubuhlungu ngeyona ndlela kuba wadlwengulwa apho phofu yena wayeyothengisa ngomzimba waziqaphela apho ukuba imfundiso zikaVuyelwa bezigwenxa..... uNceba noVuyelwa basinga ezilalini bafika njee kodwa uVuyelwa wayebonakala ukudelele kuMamazala wakhe kwafika umntu obizwe yilenkonde owafika wachaza amabibi ngoVuyelwa kulapho kwaqala khona ukuqhawuka izinto kodwa uVuyelwa wabeka iqhinga ezama ukumlalisa uboya balala uboya bakhe kodwa wafumana umnxeba ngu Gugu emmema kuye kulapho wava yonke into wayethuke ngeyona ndlela uNceba wafika ebhebhetha uVuyelwa emgxotha emzini wakhe waphuma exhakazela uVuyelwa ehlekwa nazintaka kulapho uNceba wabulela khona uGugu ecela ukuba atshate naye kodwa kuthe kanye kwesosithuba wagaleleka uVuyelwa ephethe umkhono wekati kodwa uNceba wabonisa ukuqina ecela ukuba amdubule kuthe kanye kweso kwagaleleka amapolisa afike ambopha uVuyelwa ayomvalela noSamela wagoduka kumama wakhe wegazi onguThembeka . . . Intshayelelo . UKUPHILA OKUNETHEMBA . . Ngamanye amaxesha sizibona sigaxeleka kwingxaki esiye sicinge ukuba sizibize ngokwethu kodwa nokuba ingxaki injani odibana nayo kodwa ithemba kufuneka ibeyinto esisoloko sinayo futhi siqine ukuze singavuyisi intshaba zethu . (Eli bali lenzelwe kwilali ZaseNgqeleni ezixambuzi ibukeka iyilali abantu ababukeka bekhathalelene kodwa sisichasi salonto. Apha kule lali imizi isondele ngasemahlathini futhi ithambekile) . (Apha kukho intokazi egama lingu Zuziwe engazaziyo ingcambu zayo kuba ihlala noMakhulu wayo kwityotyombana nje elimdaka,uZuziwe uphila ngohamba ecoca izindlu zabantu khon'ukuze akwazi ukuthengela umakhulu wakhe amayeza futhi balale betyile klk yayingekho enye indlela yokugxotha ikati eziko ngaphandle kwalento futhi uZuziwe wenza ibanga leshumi elinesibini (Grade 12) uzama nemali yokuya eDyunivesithi kunyaka olandelayo. Klk imandlana yendodla esuka kuMakhulu yayingonelanga ukondla usapho ukhumbule ukuba uZuziwe lo unomntwana oza emva kwakhe oneminyaka emihlanu ogama lingu Abulele yinkwenkwana nje esoloko ithule futhi ikhalimile kuba yayizibonakalisa njee naxa kudlalwa ngelixa yena aneshumi elinesixhenxe (17) uZuziwe uyatshayela kowabo) . Abulele : Sisi? Zuziwe : Mntase Abulele : Namhlanje esikolweni ndiye ndaqhwatyelwa ngotitshala kwakunye nabanye abafundi Zuziwe : Ngenene? Wenze ntoni mntase? Abulele : Ndipasile uphi khona umakhulu? Zuziwe : Ungqengqile klk uMakhulu Abulele : Ndomvusa mna ndifuna abone incwadi yam ukuba ndifumene ngaphi Zuziwe : Myeke aphumle kuqala uze umvuse exesheni Abulele : Yho wena sisi unomona kodwa Zuziwe : Hayi mtana wasekhaya ndiyaxolisa umakhulu ebethe udiniwe Abulele : Kulungile ke sisi Zuziwe : Hamba ke uyodlala khon'ukuze uzozilolonga Abulele : Ewe futhi nathi siyayifundiswa lonto Zuziwe : Ewe kusegazini Abulele : Ndisemkile sisi . (Watsho u Abulele ephuma eyodlala washiyeka u Zuziwe egixa kanobom kucaca ukuba ikhona into emkhathazayo kuze kungene uMakhulu kweso sithuba ephuma kwelinye igumbi kwelityotyombe klk eli tyotyombe lalinamagumbi amabini kuphela) . Makhulu : Zuzi wam kodwa ukhathazwe yintoni? Zuziwe : (Esothuka) Hayi makhulu akukhonto Makhulu : Zuzi awukwazi ukundiqhatha nawe uyayazi lonto Zuziwe : Hayi Makhulu ndiyabona ndiqalwa ngumkhuhlane (Esosula inyembezi) . (Wasondela uMakhulu ecaleni lika Zuziwe wamgona) . Makhulu : Zuzi? Zuziwe : Makhulu? Makhulu : Yintoni ingxaki? Utheni ungayanga esikolweni? Zuziwe : Hayi Makhulu esikolweni kufunwe I R200 kuthwe size nayo Makhulu : Hayi mntwana wam sude ulile kangaka Zuziwe : Soyithatha phi kodwa makhulu? Makhulu : UThixo akaxakwa kwanto Zuziwe : Oh Makhulu (Efixiza) Makhulu : Zuzi ndiyakuthanda mntwana wam Zuziwe : Uthandwa ndim Makhulu Makhulu : Ndifuna ukubona ungugqirha uphumelele esikolweni Zuziwe : (Encuma) Ndiyakuthembisa makhulu wam Makhulu : Asokuze ndilinde ukuyibona lo mini Zuziwe : Uzoyibona Makhulu Makhulu : Oh uThixo ngas'ke angandithathi kwangethuba Zuziwe : Uzokugcina Makhulu ungaxhalabi Makhulu : Masithembe njalo . (Kuthe ngesosithuba kwangena umntwana omncinci) . Mntwana : uthi latata ufuna ulungiselwa indlu Zuziwe : Kulungile ndiyeza Makhulu : Uyabona uThixo uyasebenza? Zuziwe : Ewe Makhulu inqawe yakho Makhulu nantsiya phezu kwetafile (Klk uMakhulu wayegula nangesifuba ngoku enenqawa yakhe) Makhulu : Kulungile Zuzi . (Watsho uZuziwe emlandela eshiya uMakhulu ngemva) . (Wahamba uZuziwe klk lomzi wayesiya kuwo wawukude nomzi wakowabo wahamba umgama omde esiya kulomzi umntwana wamkhombisa njee umzi lowo wajika) . (Uthe xa efika kulendlu u Zuziwe wafika kumdaka kakhulu izinto zingamanga kakuhle noxa lendlu ibonakala ukuba isexabisweni utata walomzi wavala ucango) . Tata : Yiza undibambise esi sipili sisibeke pha ecaleni kwe Tafile . (Waya uZuziwe) . Tata : Uyazibona kodwa umhle? Zuziwe : (Ebhidekile) Ndiyabulela Tata Tata : Imali uyayifuna kodwa? Zuziwe : Ewe tata Tata : Jonga ndingakunika I R1000 namhlanje Zuziwe : (Othukile) Engaka? Ngomsebenzi njee omncinci kangaka? Tata : Hayi jonga klk uyayibona ibhedi? Zuziwe : Ewe tata Tata : Solala kunye Zuziwe : Hayi!! Hayi andiyazi mna lonto Tata : Uzoyazi ke namhlanje Zuziwe : Hayi uxolo tata sokuze ndiyenze lonto . (Wathi uZuziwe xa ezama ukubaleka wabanjwa ngulotata wamjula phezu kwebhedi wathi xa ezama ukuzidlikidla ekhala wabe emqinisile lotata uthe xa ebaleka wabethwa ngebhotile entloko wawa phantsi wabe sele efikile lo tata wambamba wamkhulula wamdlwengula ekhala kodwa zange kubekho mntu uvayo) . (Waphuma uZuziwe esinga kowabo kuba naye wayephelelwe lithemba futhi zange athathe nalomali wafika kowabo ebindeke kanobom kuba zange wayenza lento ngaphambile uthe xa efika kowabo wafika wadibana noAbulele ngaseMnyango ekhala) . Zuziwe : Abu Abulele : (Efixiza) Sisi? Zuziwe : Kwenzeka ntoni? Abulele : UMakhulu uphantsi uphuma ugwebu ngomlomo UZuziwe wenza umtsi wekati wafika uMakhulu wakhe ethe tywa phantsi wamshukumisa) . Zuziwe : Makhulu? Makhulu : Zu...zu....we!! Zuziwe : (Elila) Makhulu!!! Makhulu awukwazi ukundishiya ndikudinga kakhulu ngoku Makhulu : (Ekhohlela kabuhlungu) Ndik____h_____u_____l_____u_______l____e!!!!! Zuziwe : (Elila ngamandla) Asoze Makhulu!!! Makhulu!!! Makhulu!! . (Watsho eyothatha inqawa enika uMakhulu) . Siyintoni kodwa isono sam? . . #‎Wamkelekile‬ .