Imfundo sisitshixo sobomi | Nal'ibali
Home | Create your own story | Imfundo sisitshixo sobomi

Written stories

Imfundo sisitshixo sobomi

Imfundo sisitshixo sobomi,ukungqina oko kwaye kukho umntwana owayebizwa ngokuba ngu Buhle,wayengumntwana onembeko,engumntwana owayesithanda isikolo.uBuhle wayehlala nomzali wakhe ongu mamawakhe kwakunye nabantwana bakowabo ababini,u Lihle oneminyaka elishumi kwakunye no Imvana owayeneminyaka esibhozo.uBuhle wayeneminyaka elishumi elinesihlanu esenza ibanga lesixhenxe.Wayefunda kwisikolo esibizwa ngokuba yi Khanya J.S.S.u Buhle yonke imihla wayesiya esikolweni nabantwana bakowabo,wayesenza konke okusemandleni akhe ukuba alipase ibanga akulo.Minazana ithile uBuhle weva utitshalakazi wakhe u Mrs Booysen esithi kuzakubakho ukhuphiswano lwezibalo kwezikolo zonke.Waba nomdla ke u Buhle waza waya kucela ungenela ukhuphiswano kutitshalakazi wakhe,wavuma ke u Mrs Booysen waza u Buhle kwaba kanti ulungenele ukhuphiswano.Yonke imihla wayengalali engafunda ukubala,aze afundise abantwana bakowabo ukufunda amabali,akugqiba,alale.Emva kweeveki ezimbini u Buhle eyenza lento,yafika imini ibikade ixelwa.Bangena abantwana bachotshiswa kwidesika zokubhala,ahanjiswa ke amaphepha okobhalela namaphepha anemibuzo.Babhala ke abantwana wonke umntwana wayeqwalasele ephepheni lakhe ebhala,emva kweyure,aathathwa amaphepha aya kujongwa,emva kwenye i yure beza otitshalakazi bezekumamela owayephumelele,phambi kokuba kuchazwe ophumeleleyo kwachazwa ukuba,ophumeleleyo uza kuhamba nebhaso lemali aza kufunda ngayo kumabanga aphezulu,bavuya abantwana kodwa berhalela ukwazi ukuba ngubani owenze kakuhle,kwachazwa ukusuka kofumene inali eliphantsi,ze owafumana inani eliphezulu yangu Buhle.Wavuya kakhulu uBuhle wabulela u Mrs Booysen,wabulela abazali bakhe ngokumxhasa angenele okhuphiswano. Imfundo sisitshixo sobomi