Uphi uMakhulu? | Nal'ibali

Written stories

Uphi uMakhulu?

Author

Ibhalwe nguRobert Muponde

Illustrator

Imizobo nguElizabeth Sparg

Ngenye intseni, uDuma wankqonkqoza elucangweni lukamakhulu wakhe.

Ngale mini yayilusuku lokuzalwa lukaDuma yaye uMakhulu wayemenzele isipho sesankwane sewulu esibomvu.

UDuma wayechulumance kakhulu. Ingcuka eyayibonakala ikhohlakele yavula ucango.

“Ungubani? Uphi uMakhulu?” wabuza uDuma.

 

“NdinguChidhange, umnakwabomakhulu wakho,” yabhavuma yatsho ingcuka.

“Ndabaleka kudala kakhulu xa wayendibiza ngokuba ndilisela nento ephila ngokutya izinto ezilahliweyo.

Ndibuyile ngoku ukuze ndimbonise ukuba andiyiyo nenye kwezo zinto.”

“Uphi uMakhulu?” wabuza kwakhona uDuma. Wayengcangcazela.

 

“Ulapha. Kwaye akekho apha,” watsho uChidhange, ephulula isisu sakhe esigcweleyo.

UChidhange wabhodla. Wabhodla iwulu eninzi ebomvu.

“Yhoo ngekhe!” wacinga uDuma. “Umtyile uMakhulu!”

Wabaleka wangena kwityholo elalisemva kwendlu kaMakhulu.

UChidhange wamleqa. UDuma wayesoyika kakhulu.

 

“Kodwa uMakhulu waye lapha! Etshisa ingca endala namagqabi.”

Wathi uChidhange akubona uMakhulu, woyika kakhulu, wabaleka wangena zwabha emlilweni.

“Ingcuka enje ukugeza,” wahleka uMakhulu.

UChidhange wayecinga ukuba isipho sikaDuma, esasifihlwe phantsi kweengubo, yayi nguMakhulu.

Ngoku wayenesisu esigcwele mpu yiwulu kwaneempundu ezibuhlungu!

Wabaleka waza akaze aphinde abonwe kwakhona.

 

Okokuzonwabisa kwakwaNal’ibali

Izimvo eninokuthetha ngazo

Ukuba ubunguDuma, ubuza kwenza ntoni xa ibuvula ucango ingcuka? Ukuba ngaba ubunokutshintsha ingcuka njengomlinganiswa sesiphi isilwanyana obungasikhetha kwaye ngoba? Ingaba ucinga ukuba kulungile ukuba iingcuka zisoloko ziboniswa njengezilwanyana ezingenabubele emabalini?

Umfanekiso

Zoba okanye upeyinte umfanekiso ukubonisa le inxenye yebali: Wathi uChidhange akubona uMakhulu, woyika kakhulu, wabaleka wangena zwabha emlilweni. Khuphela la magama kwiphetshana lephepha elohlukileyo uze uwancamathisele kumazantsi omfanekiso.

Ukufunda

Cinga ngento eyenzekileyo ebalini uze uphendule imibuzo. Khangela iinkcukacha eziza kukunceda ebalini. UChidhange uthe ebebuyele ukubonisa oosisi bakhe ukuba akalosela okanye umtyi wezinto ezifileyo. (Isilwanyana esitya izinto ezibolileyo seso sitya izilwanyana ezifileyo). Ingaba ucinga ukuba uChidhange wayelisela okanye umtyi wezinto ezifileyo? Nika izizathu zoluvo lwakho. Ingaba wayephosisa uChidhange xa wayesithi ngoMakhulu, “Ulapha. Kwaye akekho apha.”? Ucinga ukuba wayethetha ukuthini? Ubuza kuziva njani ukuba ubuhambile wayokutyelela ilungu losapho ize ingcuka ebonakala ikhohlakele ivule ucango?

Ukubhala

Zeziphi ezinye izinto enokuzifumana izitye ingcuka kunoomakhulu newulu? Bhalela uChidhange “uluhlu lwezinto ezinokuthengwa” olucetyiswayo.

Ukwenza

Yenza elinye ibali ngoChidhange. Kweli bali, khombisa ukuba ufunde isifundo kwinto eyenzekileyo ku-Uphi uMakhulu?