UPhama nokhozo lombona | Nal'ibali
Home | Written stories | Multilingual stories | UPhama nokhozo lombona

Written stories

UPhama nokhozo lombona

Author

Ibhalwe nguMargot Bertelsmann

Illustrator

Imizobo nguChantelle kunye noBurgen Thorne

Listen to the story here

UPhama wayenokhozo lombona. UMama wayengalwazi ukuba lukhozo lomlingo.

“Olu khozo, luyakuze londle isizwe sonke ngenye imini,” watsho uPhama.

UMama wahleka. UPhama nokhozo lombona  UPhama walutyala ukhozo lwakhe lwaza lwakhula lwakhula.

Lwakhula lwenyukela phezulu lwada lwasithela emafini. “Ndiza kugwencela ndinyukele phezulu,” watsho uPhama.

UTata wancuma busineka. Kwagquma ilizwi elikhulu. “Fuu-shwam-shwam-gr-r-r-bhu-u-u! Ndinukelwa ligazi lenkwenkwana.”

Yayisisigebenga esikhohlakeleyo. “Ndibambe ukuba unakho,” wasinxwala watsho uPhama.

UPhama wabona ingxowa yomlingo. Ngaphakathi kwayo kwakukho yonke igolide eyakha yembiwa sisizwe.

UPhama wabona imvumi yomlingo. Yayizazi zonke iingoma isizwe esakhe sazicula. UPhama wabona irhanisi lomlingo.

Lalizalela amaqanda egolide awonela wonke umntu. “Ndizakuniphathela ubutyebi xa ndibuya,” uPhama wamemeza watsho

kuMakhulu owayesezantsi emhlabeni. UMakhulu watsho ngesingqala. UPhama wakha isikhwebu eludizeni. Wasoja emlilweni.

Wanyibilikisela ibhotolo kwiinkozo zombona waza walirhogolisa elo phunga isigebenga. “Ndiphathele umcinga wam omkhulu

wokuvungula,” isigebenga samemeza. Kodwa uPhama wayengasekho. 6 Ngokunjalo nengxowa. Nemvumi. Nerhanisi.

Kwakumke nditsho nodiza olu lombona. Uyabona, uPhama wayelugawulile.

 

Okokuzonwabisa kwakwaNal’ibali

Izimvo eninokuthetha ngazo

Ingaba kulungile ukuba uPhama athathe ubutyebi bezim engabucelanga? Ngoba/ ngoba kutheni kungenjalo? Ucinga ukuba uza kwenza ntoni ngengxowa yobutyebi bezim nomculi uPhama? Yintoni obuza kuyenza ngokwahlukileyo ukuba ubunguPhama?

Umfanekiso

Zoba umfanekiso wakho kaPhama kunye nezim elibi obonisa ukuba likhulu kangakanani izim.

Ukufunda

Yiba ngumcuphi wamagama! Lijonge ngononophelo ibali. Ungazifumana izinto ezijojwe, zabonwa okanye zangcanyulwa nguPhama okanye lizim elibi?

Ukubhala

Cinga ngokuba uPhama ubhala kwingeniso lakhe ledayari usuku anyuke ngalo waya encotsheni yodiza lombona. Ungaqala kanje: Dayari eThandekayo, ngeke uyazi into endehlele namhlanje …

Ubuchule

Gcina umpha wombona owutyileyo. Faka iipeyinti ezinemibala eyohlukeneyo kwiziqulathi ezincinci. Faka imipha yombona epeyintini, uze uyisebenzise ukushicilela iipateni neemilo ezahlukeneyo ephepheni.

Ukwenza

Cinga ukuba ulizim elibi. Hamba ujikeleze njengoko ucinga ukuba beliza kwenza njalo ngexa usithi “Fuu-shwam-shwam-gr-r-r-bhu-u-u! Ndinukelwa ligazi lenkwenkwana.” ngelizwi elikhulu, elingqokolayo.