Umenzi wemvula

Written stories

Umenzi wemvula

Author

Kgosi Kgosi

Illustrator

Magriet Brink and Leo Daly

Translator

Kholisa Podile

Kudala-dala kwindawo yaseKgalagadi, kwakukho ixhego elalinamandla elalibizwa ngokuba guRapula. URapula wayenesinye seziphiwo ezizezona zikhulu ehlabathini. Wayenamandla okuyondelelanisa amafu xa ebeqelelene. Wayenamandla okwenza imvula. Wayesaziwa kuwo wonke loo mmandla njengoRapula, umenzi wemvula.

KuRapula, ukwenza imvula kwakuyinkqubo ebuhlungu kakhulu. Kwakumtheza onke amandla anawo, kodwa kwakumvuyisa ukubona abantu befumana amanzi awa emafini. Xa inile, abantu babesikha amanzi ukuze bawasebenzisele ukusela nokupheka. Imilambo yayizalisa nezilwanyana zifumane amanzi okusela. Imvula yayisondla amasimi seKgalagadi.

Emva kweminyaka emininzi yokwenza imvula, uRapula, umenzi wemvula, wagula waze wabuthathaka. Ummandla waseKgalagadi waqalisa ukoma. Yatsha ingca nemithi laphela ibala eliluhlaza. Nangona ixhego lingazange liyeke ukuzama, lalisenza amathontsana nje amancinane emvula. Kwixesha ngalinye lizama, lalisiba buthathaka ngokuba buthathaka.

Kungekudala ixhego lagula laba buthathaka kakhulu lade alakwazi kwaphela ukwenza imvula. Kuthe kwakuba njalo, kwaqala imbalela enkulu. Amasimi oma zatsha nezityalo. Ukutya kwakungasanelanga. Izilwanyana zafa, izityalo zafa, kwade kwasweleka nabantu.

Abantu baseKgalagadi balinda. Babesenalo ithemba lokuba umenzi wemvula uza kuphinda aphile kwakhona. Ngexesha lokulinda kwabo babesabelana ngokuncinane abanako futhi baphe nomenzi wemvula okona kutya kuncomekayo ababenako. “Mhlawumbi azakuphinda abuye amandla akhe,” babesitsho.

Ekugqibeleni abantu bafumanisa ukuba uRapula akasayi kuphinda aphile. Amadoda anobulumko elali ayesazi ukuba inye into awayenokuyenza ngoku, kukulinda ukuba uRapula agqithisele amandla akhe komnye umntu.

Wathi akusweleka uRapula, umenzi wemvula, baba lusizi abantu baseKgalagadi. Babelahlekelwe lilungu elibalulekileyo loluntu lwabo. Nangona kunjalo, abadala belali bathuthuzelwa kukwazi ukuba isiphiwo sikaRapula asisayi kulahleka. Nakanjani sasigqithiselwe emntwini omncinane kunaye.

Kwabakho umngcwabo omkhulu wokunika imbeko kumenzi wemvula wodumo. Abantu baseKgalagadi babephume ngendlu ukuza kuzimasa. Abaninzi babephethe iintwana zokutya neziselo ababeza kwabelana ngazo nabanye.

Phambi kokuba uRapula, umenzi wemvula angcwatywe emhlabeni ukuze aphumle unaphakade, kwenzeka into engummangaliso – into eyayifanele ukubonisa abantu baseKgalagadi ukuba ngubani oza kuba ngumenzi wemvula omtsha. Imibala yomnyama yasuka emzimbeni kamenzi wemvula omdala yangena kwintombazana encinane egama linguMapula, owayengumzukulwana kaRapula. Oku kwaba ngummangaliso omkhulu owawungazange wakhe wabonwa nguye nabani na, kodwa wonke umntu wayesazi ukuba leyo yayiyindlela abenzi bemvula abagqithisa ngayo amandla abo. Asiyonto yayifane yenzeke kuba abenzi bemvula babephila iminyaka emininzi kakhulu.

UMapula yayinguye ngoku umenzi wemvula waseKgalagadi. Kwiintsuku eziliqela emva komngcwabo, abantu babhiyozela amandla amatsha entombazanana. Babhiyoza ngomculo nangokutya. Wonke umntu waseKgalagadi wayemphathele izipho zeempahla ezintsha, iintyatyambo, iintlobo zokutya kodidi nezinye izinto.

Kwahamba iintsuku ezimbalwa uMapula eziqhelanisa namandla akhe, kodwa wakhawuleza womelela. Ngoku wayesele ekulungele ukusisebenzisa ngendlela efanelekileyo isiphiwo sakhe. Xa esenza imvula equmbile, wayenokubangela isichotho okanye izikhukhula. Oku kungabulala uluntu lwakhe lonke.

Nangona iKgalagadi yayiseyinethuba elide kangako ingafumani mvula, uMapula wayefanele ukuyifunda ethe chu indlela yokusebenzisa amandla akhe. Okokuqala, wafunda ukuba ayinise kancinane imvula ngokuyondelelanisa amafu amancinane kunye. Waziqhelanisa nokwenza oku kanye ngeveki. Njengokhokho wakhe, wayedinwa kakhulu emva kokwenza ukuba amafu athobe imvula. Ngamanye amaxesha kwakufuneka ukuba alale iintsuku ezimbini ukuze aphinde aqwebe amanye amandla.

Abantu baseKgalagadi babelumkile. Bafunda iindlela ezintsha zokulondoloza amanzi ayexabiseke kakhulu. Bafunda ukwakha amadama okugcina amanzi.

Emva kweenyanga ezininzi zokuziqhelanisa, ekugqibeleni uMapula wakwazi ukuzisa iimvula ezintle kwakhona eKgalagadi. Wonke umntu wabhiyozela imvula enkulu ngokuxhentsa nangokucula. Kwakudlule iminyaka emininzi bengayiboni engako imvula kwaye babesazi ukuba ekugqibeleni idlulile imbalela. Babenovuyo ngokuba kwakukho umenzi wemvula omtsha – umenzi wemvula owayeza kwenza ubomi bomntu wonke buphucuke.

Sebenzisa ubugcisa bakho!

Emva kokufunda Umenzi wemvula, xelela abantwana bakho ukuba benze imifanekiso yemvula. Basenokusebenzisa uboya bomqhaphu njengamafu bandule ukusika bakhuphe amaqabaza emvula ephepheni elibhlowu. Okanye, basenokupeyinta ngomnwe amafu nemvula. Basenokunqwenela ukufakela neminyama emifanekisweni yabo!