ULolo ulungisa i-intanethi
Home | Written stories | Multilingual stories | ULolo ulungisa i-intanethi

Written stories

ULolo ulungisa i-intanethi

Author

Kgosi Kgosi

Illustrator

Vian Oelofsen

ULolo wayeyintombazana encinane ekrelekrele eyayihlala elalini yabantu abangaBatswana. Kwakungekho lali intle njengaleyo ehlabathini. Abantu babekrelekrele ngenene kwaye belihambela phambili ixesha. ULolo wayengoyena ukrelekrele ngaphezu kwabo bonke. Elalini kaLolo, i-intanethi yayisesona sixhobo sibalulekileyo. Xa undwendwele kule lali, ubufumana abantwana besikolo besebenzisa iithablethi zabo eziziikhompyutha befuna ulwazi abaludingayo ukuze bagqibezele umsebenzi wabo wesikolo. Abantu abaninzi babeneemoto ezazikwazi ukubhabha kanti babezilawula ezi moto ngokusebenzisa i-intanethi. Abantu bebesebenzisa i-intanethi ngayo YONKE INTO!

 

Kodwa ngenye imini – YHO! Ngesiquphe yasuka yanyamalala i-intanethi. Wonke umntu wacinga ukuba mhlawumbi ihambe okwethutyana kwaye iya kubuya isebenze kwakhona ethubeni, kodwa babesenza impazamo. Ukumkani nokumkanikazi belali benza isaziso kwirediyo yoluntu nakwizikhululo zikamabonakude. Bathi i-intanethi ayizi kubakho kwithuba elide. Wonke umntu elalini wothuka. ULolo wayemangalisiwe kukubona wonke umntwana esikolweni sakhe exhalabile. “Kuphelile ngobomi bethu!” wakhwaza omnye wabahlobo ebamba uLolo emagxeni. Omnye wootitshala bakaLolo wabaleka waphuma eklasini, wambamba ngengalo wathi, “Yiba nento oyenzayo, Lolo! Nguwe okrelekrele kakhulu.” Ootitshala babaleka belila.

 

ULolo wayengabuqondi obu buphakuphaku ukuba bubangelwa yintoni. “Wonke umntu ubonakala eziva ngathi ihlabathi liya esiphelweni!” wacinga ngolo hlobo. Wenza isigqibo sokuba ngemini elandelayo wayeza kutyelela ukumkani nokumkanikazi ukuze kufunyaniswe ingxaki nesisombululo. Wathi akufika kwiBhotwe leKomkhulu uLolo, wamkelwa ngeglasi yobisi olufudumeleyo nepleyiti yemiqhathane enamasuntswana etshokolethi. ULolo watya eminye imiqhathane ngelixa esalinde ukumkani nokumkanikazi. Yayiyeyona miqhathane imnandi wakhe wayingcamla.

 

Ukumkani nokumkanikazi babulisa uLolo. Baqala bathetha ngengxaki eselalini. Ukumkanikazi wachaza ukuba amaphakathi abo amfumanisile unobangela wengxaki ukuba ukwisixhobo esisemajukujukwini nesikude kakhulu, kude phaya – phezulu kakhulu emajukujukwini! “Ngoko ke,” watsho ukumkanikazi, “asiyolali yethu kuphela, kodwa lonke ihlabathi alinaintanethi.” Ukumkanikazi ke wabamba uLolo ngesandla wathi, “Mntwana wam, enyanisweni sifuna umntu okrelekrele ngenene ukuba angene kwisiphekepheke sasemajukujukwini sekomkhulu ukuze aye emajukujukwini ukuya kulungisa isixhobo seintanethi.”

 

“Lolo,” watsho ukumkani, “nguwe kuphela umntu onokuwenza lo msebenzi! Ukuba uyakwenza oku, uya kuba uncede lonke ihlabathi.” ULolo waziva enegugu kodwa othukile ngaxeshanye. Wayevile ukuba ukuya emajukujukwini yeyona nto iyingozi inokwenziwa ngumntu, kodwa wavuma ukuya. Kwithuba leentsuku, intombazana encinane yasebenza kunye neqela elisebenza emajukujukwini ilungiselela eli phulo lohlobo olulodwa. Wafunda ukubhabha nokulawula isiphekepheke sasemoyeni waze wafunda ukusebenzisa umgaqo wokubhabha. Msinyane uLolo wayelungele ukubhabhela emajukujukwini. Ngemini awahamba ngayo uLolo, wonke umntu wayelapho ebukele. Abantu babephosela iintyatyambo kuye bemnqwenelela ithamsanqa. Abanye babecula iingoma zenkuthazo. ULolo waziva ethandwa kakhulu.

 

ULolo wangena kwisiphekepheke aze onke amagcisa obuchule aqhuba iinjini. Kwithutyana elifutshane, isiphekepheke sawushiya uMhlaba. Emva kokubhabha ithuba elide, elide kakhulu, isiphekepheke sagaleleka kwisikhululo sesiphekepheke. ULolo wasibona isixhobo ngefesitile. Waqhagamshelana nokumkani kunye nokumkanikazi ngokusebenzisa uhlobo olulodwa lwerediyo ukuze abazise ukuba ufike kakuhle. Wonke umntu ekhaya wayonwabe kakhulu ngokunjalo nabazali bakhe babechwayite kakhulu ukwaziswa ukuba intombazana yabo iphilile futhi yonwabile.

 

Kodwa uhambo aluqhubanga ngendlela ebelucwangciselwe ngayo. Zibe liqela iintsuku uLolo engayichani kakuhle ukuba iphi ingxaki.

Wayesazi ukuba impumelelo yohambo yayisezandleni zakhe kwaye wayengafuni kubaphoxa abantu. Kwacaca ethubeni ukuba iqela lasemajukujukwini laliphelelwa kukutya namanzi. Uhambo lwalunzima kakhulu, kodwa intombazana encinane ekrelekrele yaqhuba ngokusebenza, isebenza, yade ngenye imini… yalifumana iqhinga! Enye ikheyibhile kwisixhobo yayitshile futhi ifuna ukususwa kufakwe enye. Akuba ekwenzile oko uLolo, yabuya i-intanethi! Wonke umntu elalini yakhe nakulo lonke ihlabathi wabhiyoza.

 

Emva kwephulo ebelinzima naxa belinempumelelo, uLolo wagoduka. Wayeliqhawe! Ukumkani nokumkanikazi babe negugu ngaye bade bamnika imbasa yesithwalandwe futhi bathiya usana lwabo olulandelayo ngaye.