Ukuhamba | Nal'ibali

Written stories

Ukuhamba

Author

Ibhalwe nguZaheera Jina Asvat

Illustrator

Imizobo nguJulie Smith-Belton

 

Ndihleli ecaleni komakhulu engceni. Sibukele umbungu utshintsha usiba libhabhathane. UKhulu uthi le nto ibizwa ngokuba

yinguquko-milo. “Inguqukomilo” ligama elikhulu kwisigama endinaso. “Bukela, Yusuf,” uKhulu uyasebeza. Uphunguphungu

uvuleka kancinane apho kuzimele khona umbungu, kancinci kancinci, lide ibhabhatane elibomvu namnyama liphume. Ibhabhatane

liyaphuma, lisomisa amaphiko alo, lize libhabhazele limke. UKhulu uthi zonke izinambuzane zeNdalo ziyazalwa, zikhule, zize

zihambe. Iintaka zenza kanjalo nazo. Zifudukela kwiindawo ezifudumeleyo ebusika.

Ikati ejinja engumduka eyayilele kwindawo yethu yesanti yokudlala abantwana nayo yemka. Azi ukuba mna ndizakukhula ndibe

yintoni na. Ingaba nam ndizakuhamba? Andifuni mna ukuhamba. UMama uthi kufuneka sifudukele komnye umzi apho kukho

izikolo ezingcono khona. Loo nto indenza lusizi. Oko sahlala noKhulu. Ukuba siyahamba, isitiya esitsha singangabi sesomlingo.

Nam ndizakuba lilolo. Ndiyoyika. “Jonga, Yusuf!” uKhulu uyakhwaza. Eludongeni, yikati ejinja, isibukele. Iyehla itsibele

kwisanti yokudlala abantwana. Izisonga esantini. Ikati yethu engumduka ibuyele ekhaya. Kuyakulunga ukuba nam ndiyafuduka.

Ndingasoloko ndibuyela ekhaya kwisitiya sikaKhulu somlingo.

 

Okokuzonwabisa kwakwaNal’ibali

Izimvo eninokuthetha ngazo

UYusuf uhlala nomama nomakhulu wakhe. Uhlala nabani? Cinga ngotshintsho olukwehleleyo ebomini bakho. Uzive njani ngolu tshintsho ukwenzeka kwalo? Uziva njani ngalo ngoku?

Umfanekiso

Jonga ngononophelo umfanekiso okumaphepha amabini okuqala ebali. Ungafumana:  iintaka ezintathu izigcawu ezibini umbungu  uphunguphungu  ibhabhathane?

Ukufunda

Eli libali elimalunga notshintsho. Ungalufumana lonke utshintsho olwahlukeneyo uYusuf alubonayo okanye acinga ngalo ebalini?

Ukubhala

Bhala umbongo lowo oonobumba abathile badityaniswayo ukupela igama malunga notshintsho. Qala umgca ngamnye wombongo wakho ngonobumba ovela kwigama “utshintsho”.

Ubuchule

Yenza ibhabhathane. Songa uxwebhu phakathi. Peyinta imigca ethile yamachaphaza kwisiqingatha esinye sephepha uze usonge iphepha ukuze ipeyinti ishicilele kwesinye isiqingatha ngokunjalo. Vula iphepha. Xa yomile ipeyinti, zoba umphandle webhabhathane elivule amaphiko kwiphetshana lephepha elipeyintiweyo. Sika imilo yebhabhathane. Ncamathisela indawo ephakathi kwiroli yephepha lendlu yangasese. Faka iimpondo zesilwanyana ezenziwe ngephepha okanye ngeziqhoboshi maphepha.

Ukwenza

Dlala umjikelo wobomi bebhabhathane: 1. umbungu ujikeleza igqabi kwaye uyalitya 2. umbungu usenza uphunguphungu 3. umbungu phakathi kukaphunguphungu 4. uphunguphungu eqhekeka evuleka kwaye kuphuma ibhabhathane 5. ibhabhathane libhabha lijikeleza.