Uku-hamba epakini
Home | Written stories | Multilingual stories | Uku-hamba epakini

Written stories

Uku-hamba epakini

Author

Ibhalwe nguHagen Engler

Illustrator

Imizobo nguTamsin Hinrichsen

ULiso uyakuthanda ukungena kwi-intanethi. Eyona webhusayithi ayithandayo inayo yonke into ayidingayo ukuze azonwabise.

Ufunda zonke iintlobo zokudanisa. Ufunda izinto ezinomdla ngendalo. Uzifumanela nabahlobo abasuka kwihlabathi liphela.

“Masiye epakini,” watsho uTata, esusa amehlo kwilaptop yakhe. “Ndikhetha ukuba kwi-intanethi,” watsho uLiso. “Ndiyakwazi

ukudlala, ukufunda, nokuzilolonga,” utshilo. “Yintoni engandenza ndifune ukuya kwenye indawo?”

 

“Uyabona ke,” watsho uTata. “Zikhona ezinye izinto ezingummangaliso ezikhoyo kwihlabathi lokwenene…” “Besibaleka

kwihlathi elihle,” watsho uThalia. “Sibone inxala, inkawu, ubhobhoyi onomlomo onombala omhle o-orenji nesisila eside!”

“Owu nyhani,” watsho uLiso. “Kuvakala kumangalisa nyhani oko!” “Kunjalo,” watsho uThalia. “UMama uthe yintaka eyindoda.

Ibisizisa ukutya kwindlwane.” UThalia wayedinwe kakhulu ukuba angadanisa, ngoko ke uLiso wathumela umyalezo kwitshomi

yakhe u-Ina. “Masihambe siyodlala kwipaki ekwi-intanethi,” watsho uLiso. “Andizukwazi,” waphendula u-Ina. “Ndisaya

epakini nabazali bam. Kwilizwe lokwenene!” “Kulungile,” watsho uLiso. “Siza kuphinda sincokole.” ULiso wacinga nzulu

ixesha elide. Waze wakhwaza. “Tata!” wakhwaza. “Masihambe siye epakini!” UTata wavala ilaptop yakhe.

Kwi-intanethi, uLiso wadibana nomhlobo wakhe uJamila. “Ubuzixakekise ngantoni?” wabuza uJamila. “Akukho nto ingako,”

watsho uLiso. “Bendihleli nje kwi-intanethi.” “Kwakuhle oko,” watsho uJamila. “Siye epakini thina. Sibone iindidi ngeendidi

zeentaka. Side sabona nonondlwane ezakhela indlu ngasechibini!” “Nyhani!” watsho uLiso. “Kuvakala kunomdla oko.”

“Kunjalo,” watsho uJamila.

 

“Utata wam uthe iintaka ezingamadoda zakha iindlwane, zize ezingoomama zona zizihlole. Andiqondi ukuba uyithandile,

uyidlakazile yonke loo ndlwane!” Emva koko, uLiso uthethe nomhlobo wakhe uThalia. “Masidanise,” watsho uLiso.

“Ethubeni,” watsho uThalia. “Ndidiniwe emva kokubaleka.” “Ukubaleka?” wabuza uLiso. “Ububaleka phi?” Epakini, uLiso

noTata wakhe babona intaka ezuba okuqaqambileyo enesicholo eside esiluhlaza. “Yho,” watsho uLiso. “Azi luhlobo luni

lwentaka oluya!” “Ndicinga ukuba ngumkholwane wasKnysna,” watsho uTata. “Masizame ukuyilandela.”

 

Intaka yabhabha isuka enkcochoyini yomthi ukuya kwenye inkcochoyi yomthi. Yeza kuphumla kwisebe lomthi. Intaka yaya

kuthi ngcu kumthi wesayikhadi. ULiso noTata wakhe bayilandela, bebaleka yonke loo ndlela. “Liso, kutheni ungabulisi,” watsho

uTata. “Mhlawumbi ngumkholwane womlingo!” ULiso walungisa ilizwi lakhe… “Molweni apho,” latsho ilizwi.

“Wenza ntoni apha?” Amehlo kaLiso nakaTata athi phuhlu… Nje ecaleni kwabo, phakathi naphakati epakini, kwakume uJamila,

uThalia noIna, kunye nabazali babo! “Nanko usimka kwakhona umkholwane,” wakhwaza uLiso. “Masiwulandele!” “Ezi ntaka

zisisusile kwizikrini zethu, zasikhupha ezindlwini, zasizisa ndawonye kwindalo,” watsho uTata kaLiso. “Ekugqibeleni ziziintaka

zomlingo.”

 

Okokuzonwabisa kwakwaNal’ibali

Izimvo eninokuthetha ngazo

Wenza ntoni ukuzonwabisa? Unxibelelana njani nabahlobo bakho? Yintoni i-intanethi?

Umfanekiso

Yeyiphi indawo engaphandle oyithandayo? Zoba umfanekiso wakho ulapho

Ukufunda

Yiba ngumcuphi webali! Ziintaka ezohlukeneyo ezingaphi ezikhankanywe ebalini? Ungafumana amagama ezilwanyana ezibini zasehlathini? Sesiphi isivakalisi esikuxelela ukuba utshintshe ingqondo yakhe uLiso malunga nokufuna ukuya epakini?  Ziindlela ezohlukeneyo ezingaphi zonxibelelwano anazo nabahlobo bakhe uLiso?

Ukubhala

Bhala umbhalo anokuba uwubhalele omnye umhlobo uLiso ukufika kwakhe ekhaya evela epakini.

Ubuchule

Sebenzisa amasetyana, ingca namagqabi ukuzakhela eyakho inesi yentaka.

Ukwenza

Thatha uhambo lwasezingcingeni epakini: zolule ubone ukuba yintoni esencotsheni yemithi, buthuma uye ezantsi ujonge izityalo

nezilwanyana ezikufutshane nomhlaba kwaye ulandele intaka ebhabha isuka phezulu komnye umthi isiya phezulu komnye

umthi.