UGoggles usisindisile
Home | Written stories | Multilingual stories | UGoggles usisindisile

Written stories

UGoggles usisindisile

Author

Ibhalwe nguLiz Sparg

Illustrator

Imizobo nguMegan Vermaak

Ngobunye ubusuku uJay wavuka waza wabona ukukhanya okuqaqambileyo esibhakabhakeni. Kwakukho into eyayibhabha ngesantya esikhulu isiza ngasefestileni. Ngokukhawuleza, yema. Lwavuleka ucango, kwaphuma isidalwa esingaqhelekanga. “Grwa! Molo, igama lam ndinguGoggles. Grwa,” satsho esi sidalwa. UJay wavele wandwanya. “Grwa! Uyandiva? Uyakwazi ukuthetha? Grwa!” wabuza uGoggles. UJay wazama ukuthetha kodwa akwaphuma lizwi. “Grwa! Ungandixelela ukuba – grwa!

– zintoni ezi?” uGoggles waphakamisa ingxowa yeplastiki, ibhotile yeplastiki kunye netoti engenanto. “Ziyakhula kuwo wonke umhlaba lo. Zikhona emhlabeni, emilanjeni kwaye ziyandanda naselwandle. Ingaba ziyatyiwa?” Esi sidalwa sazama ukuluma ibhotile. “Hayi, musa ukuyitya loo nto! Yiplastiki!” Ilizwi likaJay lalivakala licacile kwakhona.

“Abantu balahla inkunkuma yabo ezitalatweni, ize ibhabhele emilanjeni iyokutsho elwandle. Ngamanye amaxesha iintlanzi namafudo aselwandle zicinga ukuba kukutya, zize zizitye zife. Iiplastiki neeglasi neetoti zihlala ixesha elide ngoko ke umhlaba nemilambo nakwiibhitshi kugcwele inkunkuma nje.” UGoggles wabonakala elusizi. “Kunganjani … grwa! … kunganjani ukuba ndingavele ndiyitshise ngemitha yonke le nkunkuma iye esibhakabhakeni? Ndiza kwenza iplanethi entsha endiza kuhlala kuyo noMhlaba nawo uza kucoceka kwakhona neentlanzi nazo azizukutya plastiki.

Grwa! Ingaba eli ingalicebo elihle?” “Ngokuqinisekileyo,” watsho uJay. UGoggles watsiba waphindela kwisiphekepheke. “Grwa! Ukuba uyandidinga, uze ukhwaze igama lam kube kathathu,” uGoggles wakhwaza njengoko isiphekepheke sasihamba simka. UJay wasibukela isiphekepheke sisonyuka ngokonyuka. Sasitshisa ngemitha yonke inkunkuma esezitalatweni, emilanjeni, kwiibhitshi naselwandle. Ngosuku olulandelayo, wonke umntu wavukela kuMhlaba omtsha oqaqambileyo nokhazimlayo. Kwakungekho nkunkuma naphi na. Amanzi acocekileyo, izitalato ezicocekileyo, into yonke icocekile. Wonke umntu wayewuthanda uMhlaba oCocekileyo. ngokutsha, grwa! Kwaye besenza zonke izinto ezinceda ukugcina uMhlaba umhle. Baya kuvuya kakhulu emaphupheni abo kangangokuba baya kuvuka befuna ukuqhubeka besenza ezo zinto.

Grwa.” Yaye kwenzeka kanye loo nto. UGoggles wathumela uthuli olugolide lwamaphupha lwandanda kwaye lwabhabha phezu komhlaba wonke. Ngobusuku, izigidi ngezigidi zabantu zaphupha zisenza izinto ukukhathalela amahlathi namasimi neentaba, nemilambo neebhitshi kwanamalwandle. Baziva bonwabile kwaye beseluxolweni emaphupheni abo. Yaye xa babevuka, bahamba bayokwenza kanye le nto babephupha ngayo. Bawenza wamhle kwakhona uMhlaba. Kodwa akukho namnye owayitshintshayo indlela aphila ngayo. Baqhubeka belahla inkunkuma yabo ezitalatweni.

Ngexesha nje elifutshane, izitalatalo nemilambo kunye neebhitshi zakhangeleka zimdaka njengakuqala. UJay wathatha isigqibo sokuba abize uGoggles azokunceda. “Goggles, Goggles, Goggles! UMhlaba usengxakini kwakhona!” GQI! Savela isiphekepheke. “Grwa! Kweli ityeli ndiza kulinga uthuli lwam lokuphuphisa,” uGoggles waxelela uJay. “Bonke abantu eMhlabeni baza kuphupha bechola inkunkuma, grwa! Kwaye betyala imithi, grwa! Besebenzisa izinto 

 

Okokuzonwabisa kwakwaNal’ibali

Izimvo eninokuthetha ngazo

Yenza ntoni inkunkuma kwindalo yethu? Yintoni ongayenza ukulondoloza okusingqongileyo kwakho?

Umfanekiso

Zoba umfanekiso ukubonisa ukuba ucinga ngokuba belunjani uthuli lwasemaphupheni olugolide ngexa belubhabha emhlabeni wonke.

Ukufunda

Wufunde kwakhona umhlathi apho uJay acacisa indlela efika ngayo inkunkuma kwimilambo nakumalwandle ethu, kunye nakwiibitshi zethu. Zenzele owakho umzobo ukubonisa ukuba kwenzeka kanjani oku. Zoba imifanekiso emincinci, efakwe iileyibhile kunye neentolo phakathi kwemifanekiso.

Ukubhala

Bhala inqaku lephephandaba elimalunga neendlela ezahlukeneyo ezo iiGoggles zincede ngazo ukwenza ukuba libe lihle kwakhona iHlabathi. Ungalibali ukulinika isihloko esimnandi inqaku! Zoba umfanekiso ohamba nalo.

Ubuchule

Yisebenzise kwakhona imathiriyeli efana neetoti, iibhotile zeplastiki nebhokisi zamakhadibhodi eziqhele ukulahlwa. Zihombise usebenzisa iphepha, iglitha, ipeyinti kunye/okanye iikhrayoni kwaye uzenze izinto ezo wena namalungu osapho lwakho ninokuzisebenzisa, njengeziqulathi zeepensile, iivazi neekhonteyina zokugcina. Yenza iposta enoluvo olunye okanye ezimbini ezinokusetyenziswa ekubeni sikugcina njani okusingqongileyo.