Iyure yomlingo | Nal'ibali

Written stories

Iyure yomlingo

Author

NguThato Kgaje

Illustrator

Natalie noTamsin Hinrichsen

Listen to the story here

Kwixeshana nje elingephi elidluleyo, phofu xa ukhokho kakhokho wam wayeseyintombazana, inkukhu nenkomo zazingabahlobo.

Ngenye imini, xa zazihamba emasimini, uNkukhu waphakamisa iintsiba zakhe waza watshikizisa isisila sakhe. Wayesoyika. UNkomo wayibona le nto njengoko wayehlafuna esetyisa.

“Yintoni ingxaki, Nkukhu?” wabuza uNkomo ejiwuzisa umsila wakhe.

“Uyayiva le nto itshoyo?” uNkukhu walaqaza emasimini, emva koko wajonga uNkomo.

“Hayi,” watsho uNkomo. “Ikhona into evakalayo?” UNkomo wajika intloko eyijongisa ngapha aphinde ayijongise ngaphaya kangangokuba ikloko enkulu endala eyayijinga entanyeni yakhe yayinkqewuza. Yayisenza ingxolo enkulu eyavakala kuloo masimi anombethe.

“Yile nto kanye ndizama ukuyitsho,” watsho uNkukhu. “Akukho zandi zezinye izilwanyana kule fama. Ucinga ukuba kutheni kunjalo nje?”

UNkomo waqhubeka ezihlafunela umetyiso wakhe ngoxa esacinga ngalo mbuzo.

“Kaloku,” ngobukrwada uNkukhu wamphazamisa uNkomo esacinga, “umfama uthathe bonke abahlobo neentsapho zethu wabasa kwindawo ekuxhelwa kuyo.”

 

         

UNkomo wothuka kangangokuba wayiginya ngaxesha linye yonke ingca awayeyetyisa. Loo nto yamenza wabhodla kakhulu ngendlela amanenekazi angafanelanga abhodle ngayo!

“Kuza kufuneka siqhweshe kuba kuza kulandela omnye wethu! Kufuneka siqwheshe ingekenzeki loo nto,” watsho uNkukhu.

“Siqhweshe?” uNkomo wabuza emthe ntsho uNkukhu ngaloo mehlo akhe makhulu.

“Ewe, simele siqhweshe ngokuhlwanje! Kodwa kuza kufuneka simlumkele umfama. Simele siqiniseke ukuba akasiva xa sihambayo,” watsho uNkukhu. UNkomo wanqwala evumelana naye.

Ngalo ngokuhlwa, kuthe nje ukuba kucinywe izibane kwindlu yomfama baza beva umfama erhona, uNkukhu noNkomo bangena endleleni.

UNkukhu wasebenzisa umlomo wakhe ukuze abambelele kwintsimbi yekloko eyayijinga entanyeni kaNkomo. Kwakufuneka bangavakali kangangoko kunokwenzeka ukuba babefuna ukuphumelela xa beqhwesha.

Bathe xa bekwiHlathi Elikhulu Eliluhlaza, uNkukhu wayiyeka ikloko kaNkomo baza bema bethe cwaka bemamele kangangexeshana. Babengazi nokuba baya phi kwaye besoyika.

Kwisebe lomthi eliphezu kwabo, beva bekhwazwa yinkonjane.

“Heyi nina! Ndim lo! Apha phezulu! Nilahlekile …?” uNkonjane wayefuna ukwazi.

“Hayi, asilahlekanga. Siqhweshe efama kuba umfama uthathe bonke abahlobo neentsapho zethu wabasa kwindawo ekuxhelwa kuyo. Omnye wethu, okanye sobabini, uza kulandela, ngoko sigqibe ekubeni siqhweshe,” waphendula uNkukhu.

“Nimuncu, nimuncu,” wakhwaza uNkonjane ephezulu. “Ihlathi Elikhulu Eliluhlaza ligcwele zizilwanyana zasendle ibe ngoku lixesha ezizula ngalo iikati ezinkulu zikhangela ukutya okumnandi – okufana nenkomo okanye inkukhu emuncisa iintupha. Mna ndithi nibaleka into ebuhlungu niza kwebuhlungu nangakumbi.”

“Hayi, asinakuba sajika …” uNkomo watsho, elaqaza enexhala.

“Ngoba?” uNkonjane watsho. “Into ekufuneka niyenze nje, kukuxelela umfama ukuba ikho indlela ebhetele yokwenza izinto.”

“Indlela ebhetele?” watsho uNkukhu. Wayengayikholelwa le nto ayivayo.

“Ewe,” watsho uNkonjane. “Khumbulani ukuba mna ndingumcebisi kaKumkani. Ndiyazazi ezi zinto. Kufuneka nibonise umfama indlela enixabiseke ngayo.”

Kwinxalenye eseleyo yalo ngokuhlwa aba bathathu bahlala kunye bacinga baza bathetha baza beza necebo.

Ngethamsanqa kwathi kanti iHlathi Elikhulu Eliluhlaza liyindawo yomlingo apho nantoni na inokwenzeka, ngoko uNkonjane wathumela zonke iintaka zasehlathini ukuba ziye kuqokelela imbewu yemifuno eninzi kangangoko kunokwenzeka.

Emva kokuba yonke loo mbewu iqokelelwe ngobunono, uNkonjane wajonga aba bahlobo babini.

“Kufuneka nithathe yonke le mbewu nibuyele nayo efama nize niyityale kumasimi awaphethuleyo umfama. Kodwa imbewu nganye kufuneka ibe sele ityaliwe ngaphambi kweyure yomlingo.” UNkonjane wajonga kuNkukhu nakuNkomo waza wajonga phezulu enyangeni. “Kufuneka nikhawulezise. Ininzi le mbewu kwaye ixesha lincinci.”

UNkukhu noNkomo basokola ukuthwala yonke loo mbewu bebobabini nje qha, kodwa kungekudala baqalisa ukutyala imbewu emasimini ngokukhawuleza kangangoko babenako.

 

        

Uthe xa uNkukhu egqumelela imbewu yokugqibela ngomhlaba, yagaleleka iyure yomlingo waza uThixo wavula isibhakabhaka. Kwana imvula etsho kancinci kuloo masimi asandula ukulinywa ibe zonke iintlobo zeembewu zaqalisa ukuntshula nokukhula. Kungekudala kwakukhula imifuno kuyo yonke indawo. Amasimi omfama ayemahle.

Uthe xa umfama ephuma esiya emasimini akhe ngalo ntsasa, akayikholelwa into ayibona ngamehlo akhe. Kwakungadweliswanga iibhaskiti zemifuno esandula ukukhiwa kuphela, kodwa kwakukho namaqanda amaninzi namabhakethe amaninzi obisi olusandula ukusengwa. UNkukhu noNkomo babemi apho bebonakala bezidla, ibe umfama wayesazi ukuba yonke loo nto yayibangelwe kukukhuthala kwabo.

Umfama wayenombulela kakhulu ibe ukususela loo mini, umfama, uNkukhu noNkomo baphila kamnandi kunye kulo fama.

 

 

[Get story active!]  Yenza ibali linike umdla!

 

  • Khetha indawo apha ebalini engenamzobo uze uzobe umfanekiso wayo. Khuphela amagama alapha ebalini aza kuhamba nomfanekiso wakho okanye ucele umntu akuncedise ekwenzeni le nto. Namathelisa iphepha elinebali
    ezantsi komfanekiso.
  • Zenze ngathi unguNkomo noNkukhu. Bhala ileta eya kuNkonjane ukuze umbulele ngokuba enincedile.
  • Qala igadi encinci ngebhotile yeplastiki. Lalisa ibhotile ngecala uze uyisike kweli cala lijonge phezulu. Galela umhlaba ochumayo kule bhotile. Tyala iimbotyi ezimbalwa uze uzinkcenkceshele. Beka igadi yakho elangeni.