Indlela eyayifumana ngayo inciniba intamo yayo ende | Nal'ibali
Home | Written stories | Multilingual stories | Indlela eyayifumana ngayo inciniba intamo yayo ende

Written stories

Indlela eyayifumana ngayo inciniba intamo yayo ende

Author

Ibali libaliswa kwakhona nguWendy Hartmann

Illustrator

Imifanekiso izotywe nguJiggs Snaddon-Wood

Translator

Liguqulelwe esiXhoseni nguNobuntu Stengile

UMnumzana Nciniba wayenobubele, elungile kwaye wayemthanda kakhulu uNkosikazi Nciniba. Wayesoloko emncedisa kuyo yonke into ayenzayo.

 

Ngenye imini, uNkosikazi Nciniba wazalela amaqanda asixhenxe kwindlwana yakhe eyayikwisigingqana esasisemhlabeni. Wavuthulula iintsiba zakhe waze wahlala kumaqanda akhe ukuze awafukame. Kwaqengqeleka iintsuku ezininzi ehleli apho, efukame loo maqanda.

 

“Nkosikazi Nciniba endimthandayo,” kwatsho umyeni wakhe ngobubele ngenye injikalanga, “ziqengqelekile noko iintsuku ufukame la maqanda ethu. Iintsiba zam zimnyama njengobusuku. Ngoko ke, soze kubekho nabani na ondibonayo ebusuku, kungoko ke ndicebisa ukuba khe kufukame mna ebusuku. Ndiza kukugcinela la maqanda eshushu. Ngoku uza kukhe nawe ube nexesha lokuzihoya. Ungazonwabisa ubusuku bonke kude kuphume ilanga langomso.”

 

UNkosikazi Nciniba kwamvuyisa kakhulu oko. Wayefuna ukukhe olule imilenze yakhe. Waphakama waze uMnumzana Nciniba wahlala ngobutatasholo phezu kwaloo maqanda, wawafukama. UNkosikazi Nciniba wavuthulula iintsiba zakhe ebonisa indlela onwabe ngayo. Emva koko waya kudanisa edlelweni elikufutshane nendlwane leyo yabo.

 

UMnumzana noNkosikazi Nciniba babeyikhethe ngobulumko indawo yokwakha indlwane yabo. Babesazi ukuba kuloo ndawo kwakuza kuba nzima ukubona uNkosikazi Nciniba xa efukama amaqanda abo emini. Uyabona ke, ngezo ntsuku iinciniba ezi zazineentamo ezimfutshane oku kweempangele. Ngoko ke, xa ukude naxa ejonge phantsi umama uNciniba, wayekhangeleka ngathi sisidulana nje esisemhlabeni. Babekhethe idlelo elalinengca emfutshane, kuba babefunde kwakudaladala ukuba kwingca ende bangahlaselwa lula, nangaphambi kokuba baqaphele ukuba basengozini. Ngenxa yokuba bayikhetha ngobunono nobulumko le ndawo, babekwazi ukuyibona yonke into.

 

Kananjalo uMnumzana noNkosikazi Nciniba babesazi ukuba bangawagcina njani na ekhuselekile amaqanda abo kwimililo eyayitshisa loo madlelo kumaxesha athile. Babeyiqhwaye, bayixhwithela kude ngenyameko ingca, ukuze kubekho isangqa sentlabathi esingqonge indlwane yabo. UMnumzana noNkosikazi Nciniba babonwatyiswe kakhulu yindlwane yabo entle nekhuselekileyo, nenamaqanda abo asixhenxe.

 

Kodwa njengokuba ngoku yayinguMnumzana Nciniba owayefukama ebusuku, kwabakho into enye emkhathazayo. Umfazi wakhe wasuka wonwaba kakhulu apho edlelweni. Wayejikeleza, edanisa, kubhabhe zintsiba zakhe, kwaye kwakukhangeleka ngathi akayedwa kolu lonwabo lwakhe.

 

“Ingaba wenza ntoni ke ngoku?” yabhadula njalo ingqondo kaMnumzana Nciniba. Akafanelanga kujikeleza edanisa ngoluya hlobo. Ungumama ngoku kwaye unamaqanda ekufuneka ewafukamile. Kodwa njengotata olungileyo washukumisa nje umzimba wakhe, wogquma kakuhle loo maqanda ukuze awafukame. Wahlala apho ke ezolile, elindile kobo busuku bude, lo gama umfazi wakhe owonwabileyo, edlala edlelweni.

 

Ngobunye ubusuku, inyanga eyayikhanya yenza kwakho izithunzi edlelweni. Ezi zithunzi zakhangeleka ngathi ziyadanisa. UMnumzana Nciniba wayephelile kukozela. Amehlo akhe ayeqalisa ukuvaleka ukuva kwakhe intsini yomfazi wakhe, ehleka. Wavuka wathi qwa kwangaloo mzuzu akuva eso siqhazolo. Waphakamisa amehlo.

 

Kuqala zange kubekho nto ayibonayo. Watsala loo ntanyana yakhe imfutshane kangangoko anakho waze wambona umfazi wakhe. UNkosikazi Nciniba wayedanisa engceni apho, phakathi kwamatyholo, edlala undize nenye inciniba eyindoda esencinane nenomtsalane. Xa ezimele ngetyholo, wayetsala loo ntamo yakhe kangangoko anakho ukuqinisekisa ukuba umyeni wakhe usahleli phezu kwamaqanda.

 

UMnumzana Nciniba wayenomsindo kakhulu. Waphakama kuloo ndlwane, esiya kukhangela ukuba kuqhubeka ntoni na kanye, kodwa waphinda wazinqanda, wahlala phantsi kwakhona. Wayengakwazi ukuwashiya amaqanda odwa kuloo ndlwane. Wayeza kuthini xa athe abanda lo mzuzu engekho? Ngoko ke watweza amaphiko akhe wogquma amaqanda, waze wamana etsalatsala loo ntamo yakhe ukuze abone ukuba umfazi wakhe wenzani na kanye.

 

Wayemane esiva umfazi wakhe egigitheka. Wayemane ebona izithunzi ezidanisa edlelweni phantsi kokukhanya kwenyanga. Qho xa ebona isithunzi, wayetsala loo ntamo yakhe kangangoko anakho. Kodwa wayephelele ekwenzeni oko kuba kwakufuneka efukamile, egcine amaqanda eshushu.

 

Ekugqibeleni, obo busuku bude bade bafikelela esiphelweni, lavela ilanga. Ukuvela kwalo, uMnumzana Nciniba wambona umfazi wakhe ebuya, eze kufukama imini yonke. Wazama ukuphakama, kodwa wayengakwazi kuba umzimba wakhe wawugogene. Izihlunu zentamo yakhe zaziqaqamba.

 

Ekugqibeleni wade waphakama. Wathi xa aza kuxelela umfazi wakhe indlela anomsindo ngayo, wasuka wabona into eyothusayo xa ajonga phantsi ezinyaweni zakhe. Iinyawo zakhe zazikhangeleka zikude kakhulu kunentloko yakhe. Ngoko nangoko, wayiqonda mhlophe into eyenzekileyo – ngobo busuku bude wayolula, wayitsala kakhulu gqitha intamo yakhe.

 

Wayishukumisa intloko yakhe. Wangqisha, kodwa kuyo yonke into awayeyenza, intamo yakhe yahlala inde injalo. Kwakungekho nanye into anokuyenza ukuze kutshintshe loo meko. Umfazi wakhe yena? Tyhini, naye wayenale ntamo inde! Naye wazama ukushukushukumisa intloko yakhe engqisha, kodwa zange kuncede oko. Wayeyolule yatsaleka intamo yakhe ngokuyaa ebefuna ukubona ukuba ingaba umyeni wakhe usahleli emaqandeni kusini na!

 

Nako ke okwenzekayo ukuze uMnumzana noNkosikazi Nciniba babeneentamo ezinde! Yiyo loo nto ukususela ngobo busuku kude kube namhlanje zonke iinciniba ozibonayo zineentamo ezinde nazo.