Ufudo lukhwela iteksi | Nal'ibali
Home | Node | Ufudo lukhwela iteksi

Written stories

Ufudo lukhwela iteksi

Author

Libali likaKai Tuomi

Illustrator

Imifanekiso izotywe nguJiggs Snaddon-Wood

Translator

Liguqulelwe esiXhoseni nguNobuntu Stengile

UNkululeko nomama kunye notata wakhe yayiziimfudo. Babehlala bonke emazantsi esitiya.

 

Kaloku iimfudo azidingi zindlu njengathi bantu kuba zihlala kumaqokobhe azo. Kwaye ke enye into onokuba uyayazi ngeemfudo, yeyokuba zicotha kakhulu.

 

Rhoqo ngokuhlwa, uNkululeko kunye nomama notata wakhe babesiya kulala ngokufaka ngokucothayo imilenze kunye neentloko zabo kumaqokobe abo. Kwaye qho kusasa, babevuka bekwacothozisa kwakanjalo. Kwakuba sekumalunga nentsimbi yeshumi xa bathi ekugqibeleni baphume kumaqokobhe abo baze bafumane isidlo sakusasa esimnandi seentyatyambo kunye namagqabi.

 

Ngenye intsasa uTata wangqiyama kuMama waze wathi, “Ingaba asiyiyo kusini na imini emnandi yokungenzi nto le? Ndilusizi nje nguNkululeko, usoloko ejikeleza engxamile.”

 

UNkululeko wayekhawuleza kakhulu ngathi akalofudo. Ngale ntsasa, wayetyhutyha ematyolweni kwelinye icala elikude lesitiya. Abazali bakhe bahlunguzela iintloko zabo, kodwa yena uNkululeko wayexakeke kakhulu edlala kwinqumba yamagqabi arhwashazayo engabaqapheli nokubaqaphela.

 

UNkululeko wabona into emenyezelayo kuloo nqumba yamagqabi. Yayiyingqekembe enkulu yegolide. “Yimali!” watsho ngoncumo. “Ndiza kuyisebenzisa ukuze ndibe nohambo lwamahlandinyuka olungaqhelekanga noluchulumancisayo.”

 

Ngoko ke uNkululeko waqalisa nolo hambo lwakhe. Wahamba kweso sitiya, enqumla kuloo ngca intle iluhlaza nechetywe kakuhle, de wafika kwisango elidala elalikhokelela esitalatweni. Wathubeleza phantsi kwalo.

 

Kwakuphithizela kakhulu apho esitalatweni. Wahamba ngendledlana esecaleni, ezama ukuba anganyathelwa ngabo bantu bonke baxakekileyo nababengxamile, besiya ngapha nangapha. Wema ekoneni wakhe waphumla. Kwakungelo xesha kanye awathi ngalo uNkululeko wabona into emangalisayo.

 

Kwindawo encinane yokumisa iimoto, kwakukho iiteksi ezinkulu ezazikhwelisa abantu zize zihambe zisiya kwiindawo ngeendawo ezazivakala ngathi zezona ndawo zimnandi kakhulu – esixekweni, elwandle, nasezintabeni. UNkululeko wawela isitalato eso waya kuloo ndawo kumisa kuyo iimoto.

 

Waya kwiteksi yokuqala enkulu waze wathi ngelo lizwi lakhe liphantsi, “Molo, ndingathanda ukubona isixeko, okanye ulwandle, okanye nokuba yintaba ke. Ungandinceda?”

 

Umqhubi weteksi wayemncinane kwaye emde. Wagoba wajonga ufudo oluncinane olwaluphethe ingqekembe enkulu yegolide. Umqhubi wahleka kakhulu. “Olu fudo lufuna ukukhwela iteksi. Alisandicubhulanga nje ngentsini!” watsho. “Ngubani umntu owakha wayiva into enjalo?”

 

UNkululeko wathokombisa intloko yakhe elusizi waze waqalisa ukuhamba esimka apho. Kanye ngelo xesha, kwabakho umntu othethayo. “Ndiza kukusa,” latsho elo lizwi.

 

UNkululeko waphakamisa intloko waze wabona ixhego limi phambi kweteksi yalo.

 

“Khwela fudwazana,” latsho ixhego, lincumile, “kwaye ndiza kukubonisa yonke into.”

 

UNkululeko watsho ngolubanzi uncumo waze wasondela eteksini. Ixhego lamfunqula lambeka esihlalweni.

 

UNkululeko watsala intamo yakhe efuna ukujonga ngefestile yeteksi, kodwa yayiphakame kakhulu, engenakubona. “Masikuphathele imiqamelo ephaya ebhutini ukuze uhlalele phezulwana khon’ ukuze ubone ngcono,” latsho ixhego.

 

Emva koko bemka, behamba ezitalatweni ezizele ziimoto ezikhalisa amaxilongo azo kunye nabantu abakhawulezayo besiya ngapha nangapha. Ixhego lalincokola njengokuba liqhuba nje. Laxelela uNkululeko ukuba igama lalo nguBra Will, kwaye sekuyiminyaka engamashumi amahlanu eqhuba iteksi.

 

“UTata wam sele eneminyaka engamashumi asibhozo ubudala, Bra Will. Iimfudo ziphila ixesha elide kakhulu, uyazi,” wacacisa njalo uNkululeko.

 

UBra Will wanqwala. Ngaphandle, izindlu zazisiya zisiba nkulu ngokuba nkulu. UBra Will wathi sebeza kufika esixekweni.

 

“Kutheni ufuna ukubona zonke ezi ndawo nje?” wabuza uBra Will.

 

“Kaloku,” watsho uNkululeko, “iimfudo zicotha kakhulu kwaye ngamanye amaxesha ndiyadikwa kukuhamba-hamba ndijikeleza esitiyeni. Ndifuna ukwenza izinto ezingamahlandinyuka, nezingaqhelekanga kwanezichulumancisayo!”

 

Kwabakho inkazimlo kwiliso likaBra Will. “Ndiyayiqonda loo nto,” watsho.

 

Isixeko sasisikhulu kwaye sinengxolo eninzi. Izakhiwo eziphakamileyo zazinyuka zisingisele emafini. Kwakukho abantu kunye neemoto kuyo yonke indawo kwaye kwakuvakala kukho ingxolo kakhulu!

 

“Oku kuyamangalisa,” watsho uNkululeko.

 

“Awukaboni nto wena,” watsho uBra Will, “linda ude ubone ulwandle. Isixeko sinengxolo kakhulu kum, kodwa ulwandle luzolile, oko ke kum kuyamangalisa.”

 

Ngoko ke basishiya isixeko bemka.

 

“Vula ifestile,” watsho uBra Will, “ukuze usezele ivumba lolwandle.”

 

UNkululeko wehlisa ifestile yakhe kancinane. “Lunuka ityuwa,” watsho, encumile.

 

Xa bejika ikona babona isithabazi sento enkulu ezuba nenabileyo phambi kwabo. “Yintoni leyaa?” wabuza uNkululeko umlomo wakhe uthe ng’a.

 

“Lulwandle oluyaa,” watsho uBra Will, ehleka.

 

“Luyamangalisa ngenene,” watsho uNkululeko.

 

Iteksi yamisa kwindawo encinane yokumisa iimoto nesecaleni kwentlabathi emhlophe ehamba iye kungena elwandle.

 

“Olu ke lunxweme lolwandle,” watsho uBra Will. “Kutheni singakhe sime apha umzuzwana sihamba-hambe kwintlabathi ethambileyo.”

 

UBra Will wanceda uNkululeko wambeka elunxwemeni lolwandle. Wayengqongwe ngabantu abadlalayo okanye abaleleyo begcakamele ilanga. Kwakushushu kakhulu. UNkululeko wacothoza erhubuluza kancinane, wangena emanzini angenzulu kuyaphi, waze wabuka bonke oonokrwece abahle abaselunxwemeni.

 

Into elandelayo, yayilixesha lokuya ezintabeni. UNkululeko wayeyibona intaba xa esesitiyeni sakhe, kodwa wayengazange asondele okanye aye KANYE-KANYE entabeni. Indlela yayithambekile ukunyuka xa kusukwa elunxwemeni apho elwandle. Kwakuvuthuza umoya kakhulu apho ezintabeni. UNkululeko wade wabona umnqwazi wenye indoda uphaphatheka nomoya!

 

Yathi yakumisa iteksi ekugqibeleni, uNkululeko wehlika waze watsala umphefumlo. Wayesibona sonke isixeko phezulu apho. Wayelubona ulwandle kunye nonxweme, ebona nditsho nekhaya lakhe elincinane elisesitiyeni. Wacinga ngomama notata wakhe.

 

“Le yeyona ndawo intle, Bra Will,” lwatsho ufudo, “kwaye ibiluhambo lwamahlandinyuka olungaqhelekanga noluchulumancisayo ukuhamba nawe undiqhubela, kodwa ndicinga ukuba lixesha lokuba ndigoduke ndiye kumama notata ngoku.”

 

UBra Will wamqobela iliso waze waqhuba, babuyela erenkini yeeteksi. UNkululeko wambulela waze wakhupha ingqekembe yegolide kwiqokobhe lakhe.

 

UBra Will wahlunguzela intloko wathi, “Yigcine imali yakho, Nkululeko. Bekumnandi kakhulu ukujikeleza nawe ndikuqhubela. Ukonwaba kwakho kube yintlawulo ngokoneleyo kum.”

 

UNkululeko wawangawangisa esithi asale kakuhle waza waqalisa ukuhamba ecothoza ukugoduka. Endleleni, wagqitha kumthengisi weziqhamo waze ngengqekembe leyo wathenga ibhokisi yamaqunube avuthiweyo, nawathi wayibeleka wagoduka nayo. Kwakuqalisa ukuba mnyama ukungena kwakhe esitiyeni. Umama notata wakhe babemlindile.

 

“Uvela phi?” wabuza utata. “Besikhathazeke kakhulu kukungabuyi kwakho.”

 

UNkululeko wabawola ngothando bobabini. Babelana ngamaqunube waze wababalisela abazali bakhe ngalo lonke uhambo lwakhe lwamahlandinyuka olungaqhelekanga noluchulumancisayo ngeteksi.

 

“Oko kuvakala kumangalisa,” watsho uMama, “kodwa ndivuya kakhulu ubuyele ekhaya, Nkululeko.”

 

“Nam ngokwam,” watsho. “Uyazi ukuba akukho apho ndingayanga khona ngoku – emantla, emazantsi, empuma, nasentshona, kodwa kuzo zonke ezi ndawo ... ayikho egqitha ikhaya.”

 

Ngaloo mazwi watsho etshonisa intloko nemilenze yakhe kwiqokobhe lakhe waze walala yoyi.

 

Sebenzisa ubugcisa bakho!

* Vumela abantwana bakho basebenzise iikhadibhodi zokufaka amaqanda, iibhokisi, ipeyinti kunye neglu ukuze benze iimfudo ezisebalini. Bangasebenzisa ezinye izinto ezilahlwayo (ezifana neziciko zeebhotile kunye neebhokisi zesiriyeli okanye zeebhiskiti) ukuze benze iteksi. Bakhuthaze ukuba basebenzise izinto abazenzileyo ezixhasa ibali ukuze babalise ibali ngezabo iindlela.