UPhumla nexhegokazi
Home | Content | UPhumla nexhegokazi

Written stories

UPhumla nexhegokazi

Kudala-dala, kwakukho ixhegokazi elalihlala lodwa kufutshane nencopho yentaba ende eyayingasentla kwelali ethile.

Wonke umntu kule lali wayeloyika eli xhegokazi. Babelibiza ngokuba “Ligqwirha”.

Ngenye imini intombazana egama linguPhumla yahamba yaya kuqokelela iingcambu zasendle namachiza ethambekeni lentaba.

Engaqondanga, iingqimba zamafu zaseziqokelelene ngephanyazo, kwathi kungekudala yana ngamandla imvula.

Waqonda uPhumla ukuba kufuneka efumene indawo yokusithela ngokukhawuleza,

kodwa indawo ekuphela kwayo eyayikufutshane yayiyindlu yexhegokazi…