Umsebenzi kaSelesele
Home | Content | Umsebenzi kaSelesele

Written stories

Umsebenzi kaSelesele

Mandulo phaya, ngethuba imithi yayisakwazi ukuthetha, neentlanzi zisakwazi ukubhabha,

uSelesele wayesesona silwanyana sikhulu kunazo zonke.

Wayekuthanda ukugonyamela zonke izilwanyana, nazo ke izilwanyana zaye zidiniwe nguye.

Ngenye imini, xa uSelesele wayeye kuqubha,

ezinye izilwanyana zabamba intlanganiso apho kwakuza kuthathwa isigqibo sokuba kwenziweni na ngaye.

“Masimgcine exakeke kakhulu ukuze alibale ukumane esitshonisa ngapha nangapha,” watsho uNgonyama.

“Licebo elihle elo,” watsho uMkhombe, “kodwa siza kuyenza njani loo nto?” “Ndiyazi,” watsho uNyamazana.

“Kutheni singabuzi kuMnyama nje, usoloko enamacebo amahle kakhulu…