Ingozi | Nal'ibali
Home | Content | Ingozi

Written stories

Ingozi

Ngenye imvakwemini, usapho lukaZulfah lwalusekhitshini. Wonke umntu wayenento ayenzayo. UZulfah wayencedisa utata wakhe ukuba banqunqe imifuno ukuze benze isuphu. Umama wakhe wayehlamba izitya esinkini. Umnakwabo Zulfah uAshraf, wayenxaniwe. Wayefuna into yokusela kodwa akuzange kubekho mntu wamvayo xa wayesithi, ‘Nditela idinki!’ ngoba bonke babexakekile.

UAshraf wayedla ngokuba nebhotile kodwa wayengayiboni ndawo. Wathi xa ejonga phezu kwetafileni, wabona iglasi yobisi.

‘Mma, mma, mma,’ watsho uAshraf etsala iglasi.

QHUFU!!!! Yawa iglasi phantsi yaqhekeka yathi sa-a phantsi. Kwabakho iingceba zeglasi kuyo yonke indawo…