Impangele eyayizalela amaqanda egolide | Nal'ibali
Home | Content | Impangele eyayizalela amaqanda egolide

Written stories

Impangele eyayizalela amaqanda egolide

Kudala-dala kwakukho indoda eyayihlupheka kakhulu egama layo yayinguMzi.

“Abantwana balambile, kwaye asinamali yokuthenga ukutya,” walilisela ngelitshoyo umfazi wakhe uPumla.

“Siza kwenza njani?” “Ndiza kuya kuzingela,” utshilo uMzi.

“Ukuba ndinokubamba impangele, siza kuba nokutya okumnandi.”

Watsho ehamba esiya ethafeni, ephethe isilingi sakhe namatyana amancinane.

Kungekudala wahlangana nempangele etyebileyo kwindawo elibala ephakathi kwengca ende…