Aqala njani amabali | Nal'ibali
Home | Content | Aqala njani amabali

Written stories

Aqala njani amabali

Kudaladala, kwakukho umfazi owayehlala nosapho lwakhe elalini ekumhlaba wobuKumkani bamaZulu.

Rhoqo ngeCawe olu sapho lwalusihla luye kulwandlekazi olukhulu olwalukufuphi apho.

Lo mfazi wayepheka ukutya emlilweni lo gama umyeni wakhe wayekhangela iinkuni ezityekezwe lulwandle,

ukuze aziqingqe enze izinto ezintle: iintaka, abantu nazo zonke iintlobo zezilwanyana.

Phakathi evekini usapho lonke lwalusebenza nzima luze ukutshona kwelanga luhlale ngasemlilweni.

Ngeli xesha kwakumnyama kakhulu ukuba basebenze okanye badlale okanye bachwele kwaye lalingekafiki nexesha lokuba balale.

Kungeli xesha kanye ke apho abantwana bathi bacela umama wabo ukuba ababalisele ibali…